Umatewu 24:32-37 Ibhayibhile (XHO96)

32. “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.

33. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

34. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.

35. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”

36. “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.

37. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.

Umatewu 24