29. “Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.
30. Ngelo xesha uya kubonakala ezulwini umqondiso *woNyana woLuntu, zize zonke iintlanga zehlabathi zenze isijwili, zimbona uNyana woLuntu esiza esemafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
31. Liya kuvakala ke ixilongo elikhulu, azithumele eziphelweni zehlabathi izithunywa zakhe, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni somhlaba, kuye esiphelweni sawo.”
32. “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.
33. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.
34. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.
35. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
36. “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.
37. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.
38. Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni,
39. bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.
40. Ngelo xesha kothi ababini besentsimini, omnye athathwe, omnye ashiywe.
41. Abafazi ababini boba besila elityeni lokusila, omnye athathwe, omnye ashiywe.