23. “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto;
24. kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo.
25. Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki.
26. “Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko;
27. kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.
28. “Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”
29. “Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.
30. Ngelo xesha uya kubonakala ezulwini umqondiso *woNyana woLuntu, zize zonke iintlanga zehlabathi zenze isijwili, zimbona uNyana woLuntu esiza esemafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
31. Liya kuvakala ke ixilongo elikhulu, azithumele eziphelweni zehlabathi izithunywa zakhe, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni somhlaba, kuye esiphelweni sawo.”
32. “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.
33. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.
34. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.
35. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
36. “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.
37. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.