11. Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi.
12. Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi.
13. Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
14. Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.”
15. “Xa ke ngoko nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso;’ elo *umshumayeli uDaniyeli athetha ngalo, limi ‘endaweni engcwele’ (ofundayo makaqiqe),
16. mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni.
17. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe.
18. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe.
19. Hayi ke kwabanzima nabadlezane ngaloo mihla!
20. Thandazelani ukuba ukubaleka kwenu kungabi sebusika okanye *ngoMhla woPhumlo,
21. kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwehlabathi kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo.