Umatewu 23:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ze ningabizi mntu emhlabeni apha ngokuthi nguyihlo, kuba mnye uYihlo, lowo ke usezulwini.

10. Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke.

11. Omkhulu kuni makabe sisicaka senu.

12. Lowo uziphakamisayo uya kuthotywa, athi lowo uzithobayo aphakanyiswe.”

13. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Niyabathintela abantu ekulawulweni nguThixo, kuba nina ngokwenu anivumi ukulawulwa nguye, nize nibanqande nâbo bafuna ukulawulwa nguye.[

14. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.]

15. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.

Umatewu 23