Umatewu 23:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke.

11. Omkhulu kuni makabe sisicaka senu.

12. Lowo uziphakamisayo uya kuthotywa, athi lowo uzithobayo aphakanyiswe.”

13. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Niyabathintela abantu ekulawulweni nguThixo, kuba nina ngokwenu anivumi ukulawulwa nguye, nize nibanqande nâbo bafuna ukulawulwa nguye.[

14. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.]

15. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.

16. “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’

17. Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide?

18. Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’

19. Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo?

Umatewu 23