Umatewu 23:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe,

2. esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis.

3. Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo.

4. Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo.

5. Konke okulungileyo abakwenzayo, bakwenzela ukuze babonwe ngabantu. Bawabopha ngemixwayo ebanzi amaqhaga anezicatshulwa zomthetho; bazenze nde iintshinga zezambatho zabo;

6. bathande iindawo zamawonga ezidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungo;

Umatewu 23