1. Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe,
2. esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis.
3. Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo.
4. Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo.