33. Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.
34. *AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana,
35. waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga,
36. wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?”
37. Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’
38. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.
39. Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’
40. Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.”
41. Xa babehlanganisene *abaFarasi, uYesu wababuza esithi:
42. “Nithini na nina ngaye *uKrestu? Úyinto kabani?”Baza bathi: “NgokaDavide.”
43. Waza wathi kubo: “Kutheni na ke phofu ukuba ngamandla oMoya uDavide abize uKrestu ngokuthi ‘Nkosi’, apho athi:
44. “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga,lo gama ndikoyisela iintshaba zakho’?
45. “Ukuba uDavide uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ukuba ngunyana wakhe?”
46. Akubangakho namnye unako ukuphendula nelizwi eli; kwathi, ukususela kuloo mini, akwaba sabakho bani unesibindi sakumbuza nento le.