Umatewu 22:33-46 Ibhayibhile (XHO96)

33. Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.

34. *AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana,

35. waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga,

36. wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?”

37. Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’

38. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.

39. Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’

40. Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.”

41. Xa babehlanganisene *abaFarasi, uYesu wababuza esithi:

42. “Nithini na nina ngaye *uKrestu? Úyinto kabani?”Baza bathi: “NgokaDavide.”

43. Waza wathi kubo: “Kutheni na ke phofu ukuba ngamandla oMoya uDavide abize uKrestu ngokuthi ‘Nkosi’, apho athi:

44. “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga,lo gama ndikoyisela iintshaba zakho’?

45. “Ukuba uDavide uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ukuba ngunyana wakhe?”

46. Akubangakho namnye unako ukuphendula nelizwi eli; kwathi, ukususela kuloo mini, akwaba sabakho bani unesibindi sakumbuza nento le.

Umatewu 22