3. Wazithuma izicaka zakhe ukuba ziye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni. Kodwa bona abavumanga;
4. waphinda wathuma ezinye izicaka, esithi mazithi kwâbo bamenyiweyo: ‘Niyabona, isidlo sam sendisilungisile. Iinkomo zam nempahla yam etyetyisiweyo sezixheliwe. Konke sekulungile; yizani emsithweni.’
5. Kodwa nangoko abo bamenyiweyo abayikhathalelanga loo nto, basuka omnye waya emasimini akhe, omnye waya evenkileni yakhe;
6. baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala.
7. Waba nomsindo ke ukumkani, wathuma amajoni akhe, wabatshabalalisa abo babulali, wayitshisa idolophu yabo.
8. Waza wathi kwizicaka zakhe: ‘Okunene umsitho sewulungile, kodwa abamenyiweyo abafanelekanga.
9. Ke ngoko yiyani apho zihlangana khona iindlela, nibamemele emsithweni bonke abantu enibafumanayo.’
10. Zaphuma ezo zicaka, zaya ezindleleni, zabahlanganisa bonke abo zabafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo. Indlu yomsitho yazala yema ngeembambo.
11. “Kwathi, akungena ukumkani, esiya kubona abasemsithweni, wabona kukho umntu ongayambathanga ingubo yomsitho,