27. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
28. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babenaye.”
29. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.
30. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.
31. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, aniyifundanga na into ethethwe kuni nguThixo, esithi:
32. ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’? UThixo ke akaThixo wabafileyo, ungowabaphilayo.”
33. Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.
34. *AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana,
35. waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga,
36. wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?”
37. Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’