26. Nomninawa lowo wabhubha kungekho mntwana, umfazi waba ngowowesithathu. Kwaba ngokunjalo nakulo mninawa, kwada kwaya kowesixhenxe.
27. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
28. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babenaye.”
29. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.
30. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.
31. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, aniyifundanga na into ethethwe kuni nguThixo, esithi:
32. ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’? UThixo ke akaThixo wabafileyo, ungowabaphilayo.”
33. Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.