14. Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.”
15. Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu.
16. Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe.
17. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?”
18. Ke uYesu, eyazi inkohlakalo yabo, wathi kubo: “Bahanahanisindini, nindilingelani na?
19. Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.”Bayizisa ke,
20. waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso neli gama?”Bathi kuye: “NgokaKhesare.”
21. Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
22. Bakuva bamangaliswa, bamyeka bemka.
23. Kwangaloo mini kweza *abaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza
24. besithi: “Mfundisi, uMosis wathi: ‘Ukuba ubani uthe wafa engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi womfi lowo, azalelwe abantwana.’
25. Ke kaloku, phakathi kwethu kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana, waza umfazi lowo waba ngowomninawa.