1. Waphinda uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi:
2. “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owamenzela umsitho unyana wakhe.
3. Wazithuma izicaka zakhe ukuba ziye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni. Kodwa bona abavumanga;
4. waphinda wathuma ezinye izicaka, esithi mazithi kwâbo bamenyiweyo: ‘Niyabona, isidlo sam sendisilungisile. Iinkomo zam nempahla yam etyetyisiweyo sezixheliwe. Konke sekulungile; yizani emsithweni.’
5. Kodwa nangoko abo bamenyiweyo abayikhathalelanga loo nto, basuka omnye waya emasimini akhe, omnye waya evenkileni yakhe;
6. baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala.