Umatewu 21:36-40 Ibhayibhile (XHO96)

36. Wabuya ke wathuma ezinye izicaka, zizininzi kunezokuqala, baza benza kwaloo nto nakuzo.

37. Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’

38. Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’

39. Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

40. “Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?”

Umatewu 21