1. Kwathi bakusondela eJerusalem, befikile eBhetefage ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe,
2. esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana nikhangelene nayo. Nothi ke kwangoko nifumane idonki ibotshelelwe, inenkonyane yayo. Yikhululeni, nizizise kum.
3. Ukuba kukho umntu othethayo, yithini kuye: ‘Ziyafuneka eNkosini. Ziza kubuyiswa kwangoku.’ ”
4. Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngumshumayeli, esithi:
5. “Yithini kwisixeko saseZiyon:‘Khangela, uKumkani wakho uza kuwe,elulamile, ekhwele idonki,ekhwele inkonyane, ithole lento ebotshwayo.’ ”
6. Baya ke abo bafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele,
7. beza nayo idonki nenkonyane yayo, baza babeka izambatho zabo phezu kwayo, uYesu wakhwela.