Umatewu 21:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi bakusondela eJerusalem, befikile eBhetefage ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe,

2. esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana nikhangelene nayo. Nothi ke kwangoko nifumane idonki ibotshelelwe, inenkonyane yayo. Yikhululeni, nizizise kum.

3. Ukuba kukho umntu othethayo, yithini kuye: ‘Ziyafuneka eNkosini. Ziza kubuyiswa kwangoku.’ ”

4. Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngumshumayeli, esithi:

5. “Yithini kwisixeko saseZiyon:‘Khangela, uKumkani wakho uza kuwe,elulamile, ekhwele idonki,ekhwele inkonyane, ithole lento ebotshwayo.’ ”

6. Baya ke abo bafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele,

7. beza nayo idonki nenkonyane yayo, baza babeka izambatho zabo phezu kwayo, uYesu wakhwela.

8. Isihlwele esikhulu sabantu sazandlala izambatho zaso endleleni. Abanye baqhuzula amasebe emithini, bawandlala endleleni.

9. Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

10. Akungena uYesu eJerusalem, isixeko sonke saphithizela, sisithi: “Ngubani na lo?”

11. Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.”

Umatewu 21