Umatewu 19:5-17 Ibhayibhile (XHO96)

5. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’?

6. Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”

7. AbaFarasi bathi kuye: “Kwakutheni ke ngoko ukuba uMosis avumele indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize imale umfazi wayo?”

8. UYesu wathi kubo: “Kwakungokuba lukhuni kweentliziyo zenu ukuba uMosis anivumele nibàle abafazi benu, kodwa ekuqalekeni kwakungenjalo.

9. Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga, aze athathe omnye, nguye okrexezayo.”

10. Ke abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ukuba unjalo umcimbi wendoda nomfazi, ukuzeka akulunganga.”

11. Waza wathi kubo: “Asingabo bonke abanako ukungàzeki, kuphela ngabo baphiweyo nguThixo.

12. Kuba kaloku bakho abangenamnqweno wakuzeka, ngenxa yokuba bâzalwa benjalo, okanye bênziwa banjalo ngabantu, kanti bakwakho nâbo bakuncamileyo ukuzeka ngenxa yokuthobela ulawulo lukaThixo. Onako ukuyiva le nto makaqiqe.”

13. Kwaziswa abantwana kuYesu, ukuba ababeke izandla, abathandazele. Basuka abafundi bakaYesu babakhalimela abo babezisa abantwana;

14. waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

15. Wababeka izandla abantwana, wemka.

16. Kwabonakala mntu uthile esiza kuYesu, wathi: “Mfundisi, ndingenza ntoni ilungileyo ukuze ndibe nobomi obungunaphakade?”

17. UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”

Umatewu 19