Umatewu 18:24-35 Ibhayibhile (XHO96)

24. Zisukanje kwaziswa kuye isicaka esinetyala elikhulu lemali.

25. Esi sicaka sasingenanto yakulihlawula eli tyala, yaza ke inkosi yayalela ngelithi makuthengiswe ngaso, nomfazi waso, nabantwana baso, babe ngamakhoboka, kuthengiswe nangako konke esinako, kuhlawulwe eli tyala.

26. Eso sicaka ke sawa ngamadolo phambi kokumkani, sambongoza sisithi: ‘Nkosi yam, khawundinyamezele; ndokuhlawula konke.’

27. Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula.

28. “Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’

29. Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’

30. Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala.

31. Zathi ke ezinye izicaka, zikubonile okwenzekileyo, zakhathazeka kakhulu, zaya kuxelela inkosi yazo konke okwenzekileyo.

32. Yaza inkosi yasibiza eso sicaka senze loo nto, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, ndâkuxolela lonke elaa tyala wakundibongoza;

33. ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kosisicaka kunye nawe, njengokuba nam ndikwenzele inceba?’

34. Yacaphuka inkosi yaso, yasithumela entolongweni ukuba sohlwaywe de silihlawule lonke ityala laso.

35. Uya kwenjenjalo ke nakuni uBawo osezulwini, ukuba anithanga nonke ngabanye nawaxolela ngokupheleleyo amawenu iziphoso zawo.”

Umatewu 18