Umatewu 18:21-31 Ibhayibhile (XHO96)

21. Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?”

22. UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.

23. Kaloku ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owafuna ukuphicotha amatyala ezicaka zakhe.

24. Zisukanje kwaziswa kuye isicaka esinetyala elikhulu lemali.

25. Esi sicaka sasingenanto yakulihlawula eli tyala, yaza ke inkosi yayalela ngelithi makuthengiswe ngaso, nomfazi waso, nabantwana baso, babe ngamakhoboka, kuthengiswe nangako konke esinako, kuhlawulwe eli tyala.

26. Eso sicaka ke sawa ngamadolo phambi kokumkani, sambongoza sisithi: ‘Nkosi yam, khawundinyamezele; ndokuhlawula konke.’

27. Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula.

28. “Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’

29. Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’

30. Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala.

31. Zathi ke ezinye izicaka, zikubonile okwenzekileyo, zakhathazeka kakhulu, zaya kuxelela inkosi yazo konke okwenzekileyo.

Umatewu 18