Umatewu 18:18-30 Ibhayibhile (XHO96)

18. “Ndithi kuni, inene, konke enithe nakubopha emhlabeni, kuya kubotshwa nasezulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kuya kukhululwa nasezulwini.

19. “Kananjalo ndithi kuni, ukuba ababini kuni bathe bavana emhlabeni nangayiphi na indawo abanesicelo ngayo, baya kuyenzelwa nguBawo osezulwini;

20. kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.”

21. Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?”

22. UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.

23. Kaloku ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owafuna ukuphicotha amatyala ezicaka zakhe.

24. Zisukanje kwaziswa kuye isicaka esinetyala elikhulu lemali.

25. Esi sicaka sasingenanto yakulihlawula eli tyala, yaza ke inkosi yayalela ngelithi makuthengiswe ngaso, nomfazi waso, nabantwana baso, babe ngamakhoboka, kuthengiswe nangako konke esinako, kuhlawulwe eli tyala.

26. Eso sicaka ke sawa ngamadolo phambi kokumkani, sambongoza sisithi: ‘Nkosi yam, khawundinyamezele; ndokuhlawula konke.’

27. Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula.

28. “Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’

29. Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’

30. Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala.

Umatewu 18