Umatewu 17:4-18 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”

5. Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

6. Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu.

7. Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!”

8. Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.

9. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”

10. Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”

11. Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto.

12. Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.”

13. Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.

14. Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe,

15. yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini.

16. Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”

17. Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!”

18. Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.

Umatewu 17