25. Wathi: “Ewe, uyawurhola.”UPetros akungena endlwini, kwathi engekathethi, uYesu wathi kuye: “Simon, ubona njani? Ookumkani beli hlabathi barhafisa bani? Ngaba barhafisa oonyana babo, okanye abasemzini?”
26. Waphendula wathi: “Abasemzini.”Waza uYesu wathi kuye: “Bakhululekile ke erhafini oonyana,
27. kodwa ukuze singabakhubekisi, yiya elwandle, uphose umlobothi, uvule umlomo waloo ntlanzi uthe wayibamba kuqala. Wothi ke emlonyeni wayo ufumane iqhosha lemali elanele umrhumo wam nowakho. Yithathe ubanike, urhumele mna nawe.”