21. “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza nokuzila ukutya.”]
22. Xa babelityhutyha elaseGalili, uYesu wathi kubafundi bakhe: “*UNyana woLuntu seleza kunikelwa ezandleni zabantu.
23. Baya kumbulala, aze abuye avuke ngomhla wesithathu.”Baba buhlungu kakhulu ke.
24. Kwathi uYesu nabafundi bakhe bakufika eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela umrhumo *wendlu kaThixo, bathi kuye: “Umfundisi wenu akawurholi na umrhumo wendlu kaThixo?”
25. Wathi: “Ewe, uyawurhola.”UPetros akungena endlwini, kwathi engekathethi, uYesu wathi kuye: “Simon, ubona njani? Ookumkani beli hlabathi barhafisa bani? Ngaba barhafisa oonyana babo, okanye abasemzini?”
26. Waphendula wathi: “Abasemzini.”Waza uYesu wathi kuye: “Bakhululekile ke erhafini oonyana,
27. kodwa ukuze singabakhubekisi, yiya elwandle, uphose umlobothi, uvule umlomo waloo ntlanzi uthe wayibamba kuqala. Wothi ke emlonyeni wayo ufumane iqhosha lemali elanele umrhumo wam nowakho. Yithathe ubanike, urhumele mna nawe.”