2. UYesu wênziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe babengezela ngokwelanga, izambatho zakhe zaqaqamba njengokukhanya.
3. Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu.
4. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”
5. Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”
6. Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu.
7. Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!”
8. Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.
9. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”