Umatewu 17:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.

19. Abafundi bakaYesu bêza kuye bucala, bathi: “Bekutheni kakade ukuze thina singabi nako ukuyikhupha le ndimoni?”

20. Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo.[

21. “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza nokuzila ukutya.”]

Umatewu 17