Umatewu 17:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kweentsuku ezintandathu uYesu wathatha uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa.

2. UYesu wênziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe babengezela ngokwelanga, izambatho zakhe zaqaqamba njengokukhanya.

3. Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu.

4. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”

5. Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

6. Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu.

Umatewu 17