Umatewu 16:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *AbaFarasi *nabaSadusi beza kuYesu, bathi bemlinga bacela okokuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini.

2. Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’

3. Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?]

4. Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka.

5. Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka;

6. waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.”

Umatewu 16