1. *AbaFarasi *nabaSadusi beza kuYesu, bathi bemlinga bacela okokuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini.
2. Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’
3. Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?]
4. Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka.
5. Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka;
6. waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.”
7. Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singaphathanga zonka.”
8. UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane?
9. Anikaqondi na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?
10. Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iibhaskiti ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amane izonka ezisixhenxe?