Umatewu 15:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi:

8. “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.

9. ‘Bafumana bendihlonela,kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’”

10. UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde.

11. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”

12. Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”

13. Waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo osezulwini ziya kuncothulwa.

14. Bayekeni; baziinkokheli eziziimfama. Ke ukuba imfama ikhokela enye imfama, ziya kweyela zombini ezindongeni.”

15. Waza uPetros wathi: “Khawusicacisele lo mzekeliso.”

16. UYesu wathi kubo: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi?

Umatewu 15