Umatewu 15:36-39 Ibhayibhile (XHO96)

36. wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele.

37. Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela.

38. Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.

39. Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.

Umatewu 15