3. Wabaphendula wathi: “Nina, kutheni ukuba nithi ngenxa yesithethe senu, ningawenzi umthetho kaThixo?
4. Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’
5. Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo,
6. akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo.
7. Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi:
8. “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.
9. ‘Bafumana bendihlonela,kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’”
10. UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde.
11. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”
12. Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”