6. Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode,
7. waza wayithembisa efunga okokuba woyinika nantoni na esukuba iyicela.
8. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi: “Ndinike ngoku ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.”
9. Waba buhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yesifungo, nangenxa yâbo babesethekweni kunye naye, wathi mayiyinikwe;
10. wathumela okokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni apho.
11. Yeziswa ke ngesitya intloko yakhe, yanikwa intombi leyo, eyathi yona yayisa kunina.
12. Beza ke abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu sakhe, basingcwaba; baza baya kuxelela uYesu.