Umatewu 14:28-35 Ibhayibhile (XHO96)

28. Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”

29. UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu.

30. Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!”

31. Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?”

32. Bakhwela ke esikhitshaneni, wadamba umoya;

33. baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.”

34. Beluwelile uLwandle lwaseGalili, bâfika ezweni laseGenesarete.

35. Amqonda amadoda alapho ukuba nguYesu, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke abagulayo,

Umatewu 14