15. Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.”
16. Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.”
17. Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.”
18. Wathi: “Ziziseni apha.”
19. Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu.
20. Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
21. Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.
22. Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, ngeli xa yena asindululayo isihlwele.
23. Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho.
24. Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili.
25. Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle.
26. Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika.
27. Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.”
28. Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”
29. UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu.
30. Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!”