6. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.
7. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa.
8. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.
9. Oneendlebe zokuva makeve.”
10. Beza kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Kutheni na ukuba uthethe nabo ngemizekeliso?”
11. Waphendula wathi: “Kungenxa yokuba nina nikunikiwe ukuzazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa bona abakunikwanga.
12. Lowo unako uya kunikwa, abe nako nangaphezulu; kodwa lowo ungenako uya kuhluthwa kwanoko anako.