Umatewu 13:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.

6. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.

7. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa.

8. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.

9. Oneendlebe zokuva makeve.”

Umatewu 13