46. othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.”
47. “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye “ubukumkani bezulu bunokufaniswa” nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi;
48. ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa.
49. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo,
50. zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.”
51. UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?”Baphendula bathi: “Ewe.”
52. Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.”
53. Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho.
54. Efikile kowabo, wafundisa endlwini yesikhungo. Bâmangaliseka kakhulu abo bamváyo, besithi: “Ngaba ubufumene phi na obu bulumko? Le mimangaliso yona?
55. Akanguye na unyana womchweli? Unina akanguye na uMariya? Abantakwabo asingabo na ooYakobi, noYose, noSimon, noJuda?