Umatewu 13:15-30 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo, bawavala namehlo abo.Kungenjalo babeya kubona,beve ngeendlebe zabo, baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum, ndize ndibaphilise.’

16. “Kodwa nina ninoyolo, kuba ninamehlo abonayo, kwaneendlebe ezivayo.

17. Ke ndithi kuni, inene, baninzi *abashumayeli nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo, àbazibona, nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.”

18. “Nina ke, yiveni ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli.

19. Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni.

20. Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo.

21. Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko.

22. Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.

23. Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”

24. Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe.

25. Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka.

26. Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula.

27. Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’

28. Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’

29. Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa.

30. Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”

Umatewu 13