1. Kwangaloo mini uYesu waphuma endlwini, waya kuhlala ngaselwandle. Sahlanganisana ngakuye isihlwele,
2. saba sikhulu kangangokuba yena waya kukhwela esikhitshaneni, wahlala kuso. Isihlwele sona sema elunxwemeni.
3. UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela.
4. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba.
5. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.
6. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.