Umatewu 12:7-23 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ukuba benisazi okokuba ithetha ukuthini na le ndawo ithi *eziBhalweni: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo,’ ngeningabagwebanga abangenatyala.

8. Kaloku *uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.”

9. Emkile apho uYesu, waya kungena *kwindlu yesikhungo.

10. Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?”

11. Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na?

12. Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.”

13. Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.”Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye.

14. Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu.

15. Ekwazile oko, uYesu wemka apho.UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke,

16. ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye,

17. ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:

18. “Naso isiCaka sam endisinyulileyo,eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.Ndosifaka uMoya wam,sizazise isigwebo iintlanga.

19. Asiyi kuba nephike sikhwaze,lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.

20. Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,nesibane esilozizayo asiyi kusicima.Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.

21. Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”

22. Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona.

23. Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”

Umatewu 12