Umatewu 12:45-50 Ibhayibhile (XHO96)

45. ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyakuqala. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”

46. Kwathi uYesu esathetha nesihlwele, kwafika abantakwabo nonina, bema phandle, befuna ukuthetha naye.

47. Kwaza kwakho othi kuye: “Nanku unyoko nabantakwenu phandle, befuna ukuthetha nawe.”

48. Waphendula wathi kulowo wayesitsho: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?”

49. Esalatha abafundi bakhe ngesandla, wathi: “Nanku umama, naba abantakwethu.

50. Kaloku lowo uyenzayo intando kaBawo osezulwini nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

Umatewu 12