33. “Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo.
34. Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko.
35. Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.
36. “Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.
37. Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”
38. Abathile kubachazi-mthetho *nabaFarasi bathi kuYesu: “Mfundisi, sicela ukuba usibonise umqondiso.”
39. Wabaphendula wathi kubo: “Sisizukulwana esikhohlakeleyo, esikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona;
40. kuba njengokuba uJona wayemihla mithathu nabusuku buthathu esiswini sesilo esikhulu solwandle, wothi naye *uNyana woLuntu abe mihla mithathu nabusuku buthathu emathunjini omhlaba.
41. Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku phakathi kwenu.
42. Ngomhla womgwebo ukumkanikazi wasezantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku phakathi kwenu.”
43. “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna indawo yokuphumla; ize yakuba ingayifumani,
44. isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane izé, itshayelwe, ilungisiwe;
45. ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyakuqala. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”
46. Kwathi uYesu esathetha nesihlwele, kwafika abantakwabo nonina, bema phandle, befuna ukuthetha naye.
47. Kwaza kwakho othi kuye: “Nanku unyoko nabantakwenu phandle, befuna ukuthetha nawe.”
48. Waphendula wathi kulowo wayesitsho: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?”