12. Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.”
13. Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.”Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye.
14. Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu.
15. Ekwazile oko, uYesu wemka apho.UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke,
16. ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye,
17. ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:
18. “Naso isiCaka sam endisinyulileyo,eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.Ndosifaka uMoya wam,sizazise isigwebo iintlanga.
19. Asiyi kuba nephike sikhwaze,lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.
20. Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,nesibane esilozizayo asiyi kusicima.Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.
21. Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”
22. Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona.
23. Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”
24. Kodwa bona *abaFarasi, bakukuva oku, bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”
25. UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela.
26. Ke ukuba uSathana ukhupha uSathana, evukelene kwayedwa nje, lothini na ukungawi ulawulo lwakhe?