1. Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya.
2. *AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.”
3. Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?