32. “Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, nam ndothi ndimvume kuBawo osezulwini.
33. Ke ondikhanyelayo ebantwini, nam ndiya kumkhanyela kuBawo osezulwini.”
34. “Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano.
35. Ndize kuxabanisa unyana noyise, intombi nonina, umolokazana no ninazala.
36. Iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.
37. “Othe wathanda uyise nokuba ngunina ngaphezu kwam, akandifanelanga; nothe wathanda unyana nokuba yintombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.
38. Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.
39. Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.
40. “Othe wanamkela nina, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo.
41. Othe wamkela *umshumayeli ngokuba engumshumayeli, wofumana umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, wofumana umvuzo welungisa.
42. Othe wapha nokuba mnye kwaba bancinane nekomityi le yamanzi, ngokuba engumfundi wam, inene ngekhe aphosane nomvuzo wakhe nakanjani na.”