1. UYesu wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika igunya lokukhupha iindimoni nelokuphilisa abantu kwizifo ngezifo.
2. Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi, noYohane umntakwabo, oonyana bakaZebhedi;
3. uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMatewu, umqokeleli-rhafu; uYakobi, unyana ka-Alifeyu, noTadeyu;
4. uSimon iTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kungcatsha uYesu.
5. UYesu wabathuma aba bafundi balishumi elinambini, ebayalele ngokuthi: “Ze ningayithathi indlela eya kweleentlanga, ningangeni kwiidolophu zamaSamariya.
6. Yiyani kanye kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.
7. Ekuhambeni kwenu ze nishumayele nisithi: ‘Ulawulo lukaThixo lusemnyango!’