1. UYesu wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika igunya lokukhupha iindimoni nelokuphilisa abantu kwizifo ngezifo.
2. Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi, noYohane umntakwabo, oonyana bakaZebhedi;
3. uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMatewu, umqokeleli-rhafu; uYakobi, unyana ka-Alifeyu, noTadeyu;
4. uSimon iTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kungcatsha uYesu.
5. UYesu wabathuma aba bafundi balishumi elinambini, ebayalele ngokuthi: “Ze ningayithathi indlela eya kweleentlanga, ningangeni kwiidolophu zamaSamariya.
6. Yiyani kanye kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.
7. Ekuhambeni kwenu ze nishumayele nisithi: ‘Ulawulo lukaThixo lusemnyango!’
8. Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.
9. Ze ningazameli ukuba nibe nemali emibhinqweni yenu, nokuba yigolide, nokuba yisiliva, nokuba lubhedu.
10. Ze ningaphathi ngxowa, nazambatho ngazibini, nazihlangu, namsimelelo. Kaloku umvuzo ulilungelo kumntu osebenzayo.
11. “Nakusiphi na isixeko okanye idolophu enithe nangena kuyo, funani lowo unokuthi anamkele, nihlale khona de nimke kuloo ndawo.
12. Nakungena emzini, ze nibabulise abakuwo.
13. Ukuba abantu baloo mzi bayanamkela, basikeleleni, kodwa ukuba abanamkeli, uxolo lwenu malubuyele kuni.
14. Ukuba bathe àbanamkela, okanye àbawaphulaphula amazwi enu, ze nithi nakuphuma kuloo mzi, okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu nikhalala.
15. Inene, eso sixeko siya kuva ubunzima ngaphezu kweSodom neGomora ngomhla womgwebo.”
16. “Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe.
17. Balumkeleni abantu, kuba baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo.