21. Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”
22. Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, esithi:
23. “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
24. Akuvuka ebuthongweni uJosefu, wênza njengoko isithunywa seNkosi besitshilo kuye, wamthatha uMariya, waba ngumfazi wakhe;
25. kodwa akahlangananga naye de wamzala unyana wakhe. UJosefu ke wamthiya igama elinguYesu.