1. Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2. UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo;
3. uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram;
4. uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman;
5. uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese;
6. uJese wazala uDavide ukumkani.UDavide wazala uSolomon, onina wayengumka-Uriya;
7. uSolomon wazala uRewobhowam; uRewobhowam wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;
8. uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;