Umatewu 1:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.

2. UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo;

3. uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram;

4. uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman;

5. uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese;

6. uJese wazala uDavide ukumkani.UDavide wazala uSolomon, onina wayengumka-Uriya;

7. uSolomon wazala uRewobhowam; uRewobhowam wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;

8. uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;

Umatewu 1